10. Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:
11. ‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?
12. Zithi zingekalungeli kukhiwa,zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’
13. Iba njalo indlela yabo bonke abamlibalayo uThixo;ewe, ithemba lâbo bangamnquliyo uThixo liyadaka.
14. Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu,lisuke ke elo themba labo linqamke.
15. Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga;babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.
16. Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga,sona esinwenwa siphinyele egadini.
17. Iingcambu zaso zibhijela amatye,zibambelele kuwo.
18. Phofu ke uthi wakusincothula,kungabi sabonakala ukuba sasikhe sakho.
19. Uyabona, injalo indlela yokukhula kwaso:indawo yaso ithathwa sesinye.
20. “Ewe, uThixo akamlahli umntu othembekileyo,kodwa akangeke azomeleze izandla zabenzi bokubi.
21. Ngoko ke úya kulubuyisela uncumo emlonyeni wakho,nemilebe yakho ibobotheke yimincili.
22. Ke bona abakuthiyileyo baya kwambathwa lihlazo;kanti ke yona imizi yabakhohlakeleyo iya kubhanga.”