Uyobi 8:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waphendula ke uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:

2. “Mfondini, koda kube nini ushwaqa,usenza imbudede yamazwi afana nomoya obhudlayo?

3. Uthi uThixo angakujika okulungileyo?Uthi uSomandla angabugqwetha ubulungisa?

4. Ukuba abantwana bakho bawaphule ummiselo wakhe,yena ke ubawisele isohlwayo esibafaneleyo.

5. Into omawuyenze wena kukuzibika kuThixo,ubuse umbongoze uSomandla.

6. Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa,ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.

7. Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili,kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.

8. Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo;phicotha ufunde kumava amanyange.

9. Kaloku thina singabayizolo, asazi nto,nemihla yethu emhlabeni idlula njengesithunzi.

10. Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:

11. ‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?

12. Zithi zingekalungeli kukhiwa,zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’

Uyobi 8