5. Umzimba wam wambethe iimpethu nothuli;ulusu lona lucandekile, luyabhidla.
6. “Imihla yam ikhawuleza okomatshini wokuluka;iya kufikelela esiphelweni ingaginyisi mathe.
7. Khawukhumbule ke, kuba ubomi bam bunjengomphunga;amehlo am akasoze aphinde akubone okuhle.
8. Nâbo bandibonayo ngoku soze babe sandibona;ndiya kuphel' emehlweni undijongile.
9. Njengokuqhabalakana nokunyamalala kwamafuunjalo ofayo, akaphindi abuye.
10. Akaphindi eze ekhayeni lakhe,angabi sazana nendawo yakhe.
11. “Hayi khona, andiyi kuthi cwaka!Ndiya kuwuphalaza umva-ndedwa wam, ndikhale ndibindekile!
12. Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?
13. Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.
14. Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.
15. Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.
16. Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;kakade andiyi kuphila ngonaphakade.Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.