10. Into enjalo ke ingandithuthuzela;ewe, naphakathi kweentlungu ndingavuya ndichulumache,kuba andizange ndaphikisana namazwi alowo uNgcwele.
11. “Ngaba ndisenawo na amandla okuqhubela phambili ndiphila?Khona, siphelo sini sona eso ukuba ndingade ndinyamezele?
12. Bendililitye na kakade?Ngaba ndisisinyithi?
13. Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.
14. “Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.
15. Kambe amawethu anobuqhokolo,afana nentlambo emanzi atshayo.
16. Iba namanzi amdaka anomkhenkce,apho linyibilikela khona ikhephu,
17. kodwa lithi lakubalela aphele,lakuba shushu asuke ome qoko!
18. Iinqwelo ziyaphambuka endleleni yazo, ziye kuyo,kodwa zifike zife namthanyana kuba kusenkangala.
19. Iinqwelo zaseTema zikhangela amanzi,nabahambi baseShebha baphunguza benethemba.
20. Kambe ke basuka badane ngenxa yelo themba labo,kuba bathi bakuya kule ntlambo bafike baphoxeke.