1. Ke yena uYobi waphendula wathi:
2. “Akwaba iinkxwaleko zam beziveyishwe kakuhle,iinzingo zam zalinganiswa esikalini.
3. Ubunzima bazo bebuya kudlula nakobentlabathi yaselwandle;ewe, yiyo loo nto amazwi am asuke aba rhabaxa.
4. Kaloku iintolo zikaSomandla zindibinzile,ubuhlungu bazo butyhutyh' umzimba;izoyikiso zikaThixo zindiphahlile.
5. Ngaba likhe likhonye na iqwarha ikho ingca eluhlaza?Khona, yona inkomo uthi inganxakama zikho iindiza?
6. Into emtyuba ingatyiwa na ngaphandle kwetyuwa?Inayo na incasa incindi yomxoxozi?
7. Mna ukutya okunjalo andikuchukumisi;ndingathi khe ndayenza loo nto kubuye.
8. Akwaba uThixo angandiphendula,awufezekise umnqweno wam
9. wokuba uThixo avume ukundixusha,asiyekele isandla sakhe, abunqamle ubomi bam.
10. Into enjalo ke ingandithuthuzela;ewe, naphakathi kweentlungu ndingavuya ndichulumache,kuba andizange ndaphikisana namazwi alowo uNgcwele.
11. “Ngaba ndisenawo na amandla okuqhubela phambili ndiphila?Khona, siphelo sini sona eso ukuba ndingade ndinyamezele?
12. Bendililitye na kakade?Ngaba ndisisinyithi?
13. Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.
14. “Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.
15. Kambe amawethu anobuqhokolo,afana nentlambo emanzi atshayo.