Uyobi 5:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngenene izityhakala zizigwinta ngengcwangu yazo;lona ikhwele yimfeketho ephelela ekufeni.

3. Ndakha ndasibona isityhakala sihluma;suka ke mna ndaliqalekisa elo khaya laso.

4. Oonyana baso basesichengeni;nasenkundleni basisisulu,akukho bani ubahlangulayo.

5. Isivuno saso sityiwa zizilambi,zisicubungula naphakathi kwameva.Amabawa ayaburhogola ubutyebi baso.

6. Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.

7. Umntu nenkathazo ngumtya nethunga,kwanjengokuba intlantsi ihamba nomlilo!”

8. “Kambe ke, ukuba ibindim, bendiya kubhenela kuThixo,ndiyaneke phambi kwakhe imeko yam.

9. Kaloku nguye owenza izigigaba ezingenakugoca-gocwa;imimangaliso yakhe ayiphele ndawo.

10. Nguye onisa imvula emhlabeni,amasimi awanyakamise ngamanzi.

11. Yena ngumphakamisi wabadelekileyo;ke bona abasezinyembezini uyabathuthuzela.

12. Kaloku yena uyaliphuthisa icebo lesindwebi,ize imizamo yaso ibuye nemband' esikhova.

13. Izilumko uzitsho zixakane nobuqhokolo bazo,ize imizabalazo yazo yobuqhophololo ibhange ngesaquphe.

14. Kwakuba njalo ke kutsho kuhlw' emini kuzo;kuthi kusemin' emaqanda, zona zitotobe ziphampathe ngathi kukwabhadakazi!

15. NguThixo obakhuselayo abahlelelekileyo ekutyholweni;nguye obahlangula esandleni sabomeleleyo.

Uyobi 5