Uyobi 5:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kwakuba njalo ke kutsho kuhlw' emini kuzo;kuthi kusemin' emaqanda, zona zitotobe ziphampathe ngathi kukwabhadakazi!

15. NguThixo obakhuselayo abahlelelekileyo ekutyholweni;nguye obahlangula esandleni sabomeleleyo.

16. Ngoko ke likhona ithemba nakumahlwempu;ke zona izikhohlakali zitsho zisikw' umlomo!

17. “Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!

18. Kaloku yena uyenzakalisa, abuye abophe;kanti kwayena uyabetha, abuye aphilise ngezandla zakhe.

19. Yena uyaphinda-phinda ukukuhlangula ezinkathazweni,kanti ke ekugqibeleni akuyi kuba sachukunyiswa bubi.

20. Ngexesha lendlala uya kukuhlangula ekufeni;ukanti emfazweni uya kukusindisa ekreleni.

21. Ngokunjalo uya kukukhusela kwintlebendwane,ungabi naxhala ngexesha lonxunguphalo.

22. Unxunguphalo nendlala ziya kuba yimfeketho kuwe,ungawaxhaleli namarhwamncwa ehlabathi.

23. Uya kunqophisana namatye asemathambekeni,kubekho uxolo phakathi kwakho namarhamncwa asendle.

24. Umzi wakho uya kuhlala ukhuselekile,nasesibayeni uthi wakukhangela ufike ziphelele.

25. Inzala yakho iya kuba yinyambalala,isizukulwana sakho sinabe njengengca emhlabeni.

26. Uya kudla ubomi ude ukhokhobe,nqwa nengqolowa engavunwayo lingekafiki ixesha.

27. “Uyabona, siziphicothile ezi zinto, yaye zinjalo;yiva ke, uziqonde ubunyaniso bazo kuwe.”

Uyobi 5