Uyobi 5:13-20 Ibhayibhile (XHO96)

13. Izilumko uzitsho zixakane nobuqhokolo bazo,ize imizabalazo yazo yobuqhophololo ibhange ngesaquphe.

14. Kwakuba njalo ke kutsho kuhlw' emini kuzo;kuthi kusemin' emaqanda, zona zitotobe ziphampathe ngathi kukwabhadakazi!

15. NguThixo obakhuselayo abahlelelekileyo ekutyholweni;nguye obahlangula esandleni sabomeleleyo.

16. Ngoko ke likhona ithemba nakumahlwempu;ke zona izikhohlakali zitsho zisikw' umlomo!

17. “Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!

18. Kaloku yena uyenzakalisa, abuye abophe;kanti kwayena uyabetha, abuye aphilise ngezandla zakhe.

19. Yena uyaphinda-phinda ukukuhlangula ezinkathazweni,kanti ke ekugqibeleni akuyi kuba sachukunyiswa bubi.

20. Ngexesha lendlala uya kukuhlangula ekufeni;ukanti emfazweni uya kukusindisa ekreleni.

Uyobi 5