1. “Danduluka kaloku, ukhale,ubone ukuba ukhona oya kuphendula!He-e-e, uza kubhenela kwesiphi ke ngoku isithunywa?
2. Ngenene izityhakala zizigwinta ngengcwangu yazo;lona ikhwele yimfeketho ephelela ekufeni.
3. Ndakha ndasibona isityhakala sihluma;suka ke mna ndaliqalekisa elo khaya laso.
4. Oonyana baso basesichengeni;nasenkundleni basisisulu,akukho bani ubahlangulayo.