Uyobi 42:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.

10. Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.

11. Abantakwabo noodade bakhe, ngokunjalo nĂ¢bo babemazi ngaphambili, beza, batya kunye naye emzini wakhe. Bavelana naye, bamkhuza bemthuthuzela ngenxa yesithwakumbe awayebethwe ngaso nguNdikhoyo. Bonke ngabanye ngabanye bamnika imali nomsesane wegolide.

12. Ke kaloku uNdikhoyo walithamsanqela ikamva likaYobi nangaphezu kokuba wayenzile kubomi bakhe bangaphambili. UYobi waba neshumi elinesine lamawaka eegusha, isithandathu samawaka eenkamela, amawaka amabini eenkabi zeenkomo newaka leedonki.

13. Waphiwa isixhenxe soonyana neentombi zantathu.

14. Eyokuqala yayinguJimayima, kweza uKeziya, eyesithathu ke yanguKeren-hapuka.

Uyobi 42