Uyobi 42:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYobi uphendule *uNdikhoyo wenjenje:

2. “Ewe, ngoku ndiyaqonda ukuba wena unako ukufeza konke;konke okucebayo wena unako ukukwenza.

3. Bendingubani ukufuna ukulenza mfiliba icebo lakho, ndingenalwazi nje?Ngenene ndigabadele, ndithethiswa kukungaqondi;ndithethe ngemimangaliso nezinto ezinkulu kunam.

4. “Uthe kum: ‘Phulaphula,mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’

5. Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.

6. Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”

7. Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.

Uyobi 42