1. Ke kaloku uYobi uphendule *uNdikhoyo wenjenje:
2. “Ewe, ngoku ndiyaqonda ukuba wena unako ukufeza konke;konke okucebayo wena unako ukukwenza.
3. Bendingubani ukufuna ukulenza mfiliba icebo lakho, ndingenalwazi nje?Ngenene ndigabadele, ndithethiswa kukungaqondi;ndithethe ngemimangaliso nezinto ezinkulu kunam.
4. “Uthe kum: ‘Phulaphula,mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’
5. Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.
6. Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”
7. Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.