4. Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?
5. Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,uyikhulekele amantombazana akho?
6. Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo?Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?
7. Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe?Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?
8. Khawuyichukumise nje – soz' uphinde!Engak' imfazwe soz' uyilibale!
9. Ngamampunge ukucinga ukuba ungayoyisa.Umntu uthi nje akuyibona asuke avikiveke aphelelwe.
10. Kungekho bani nje unesibindi sokuyiphazamisa,ngubani ke ngoko onako ukumelana nam?
11. Ukhona na onako ukubanga into kum ukuze ndimbuyisele?Kaloku yonke into phantsi kwezulu yeyam.
12. “Andinakuthi cwaka ngemilenze yayo;makhe ndikuphokozele ngokomelela kwayonokufaneleka kokwakhiwa kwayo.
13. Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo,ingubani onokuyifaka umkhala?
14. Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayoijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?
15. Umqolo wayo unoludwe lwamakhakaaphotheneyo ngathi atywiniwe.