Uyobi 41:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe?Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?

4. Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?

5. Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,uyikhulekele amantombazana akho?

6. Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo?Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?

7. Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe?Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?

8. Khawuyichukumise nje – soz' uphinde!Engak' imfazwe soz' uyilibale!

9. Ngamampunge ukucinga ukuba ungayoyisa.Umntu uthi nje akuyibona asuke avikiveke aphelelwe.

10. Kungekho bani nje unesibindi sokuyiphazamisa,ngubani ke ngoko onako ukumelana nam?

Uyobi 41