Uyobi 41:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ewe, asondelelene ayimbumba;phakathi kwawo akungeni nomoya.

17. Hayi, anxibelelene angunonca,abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.

18. Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze,emehlo ngathi lilanga liphuma.

19. Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye,kutsho kutak' iintlantsi.

20. Yintw' emarhanana alephuz' umsi,oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.

21. Ngomphefumlo wayo ungáwuphemb' umlilo;kaloku kuthaphuz' amadangatye kuloo mlomo.

22. Yintw' etsho ngengwanyalala yesixhanti;bakuyibona abantu suka barhwaqele.

23. Izihlunu zayo zifumbene;ziyingwanyalala engenakuhluthuzwa.

24. Yintw' entliziyo iqine oku kwenyengane!Yomelele oku kwelitye lokusila.

25. Ithi ingaphakama kunkwantye neengangalala;yakushukuma zisuka zithi phithi.

Uyobi 41