Uyobi 41:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ukhona na onako ukubanga into kum ukuze ndimbuyisele?Kaloku yonke into phantsi kwezulu yeyam.

12. “Andinakuthi cwaka ngemilenze yayo;makhe ndikuphokozele ngokomelela kwayonokufaneleka kokwakhiwa kwayo.

13. Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo,ingubani onokuyifaka umkhala?

14. Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayoijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?

15. Umqolo wayo unoludwe lwamakhakaaphotheneyo ngathi atywiniwe.

16. Ewe, asondelelene ayimbumba;phakathi kwawo akungeni nomoya.

17. Hayi, anxibelelene angunonca,abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.

18. Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze,emehlo ngathi lilanga liphuma.

19. Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye,kutsho kutak' iintlantsi.

20. Yintw' emarhanana alephuz' umsi,oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.

21. Ngomphefumlo wayo ungáwuphemb' umlilo;kaloku kuthaphuz' amadangatye kuloo mlomo.

22. Yintw' etsho ngengwanyalala yesixhanti;bakuyibona abantu suka barhwaqele.

23. Izihlunu zayo zifumbene;ziyingwanyalala engenakuhluthuzwa.

Uyobi 41