1. “Uthi ungaze uyilobe ingwenya, okanye ubambe ulwimi lwayo ngentambo?
2. Uthi ungaze uyifake intambo impumlo yayo,mhlawumbi uyithi qhoo imihlathi ngegwegwe?
3. Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe?Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?
4. Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?
5. Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,uyikhulekele amantombazana akho?