Uyobi 40:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngaba nawe womelele njengoThixo?Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?

10. Xa kunjalo ke khawuvele uveth' isidima uzimasekile;khawuthi jize isihomo nesithozela.

11. Khawuphokoze loo msindo wakho,ubaphoxe abo bazigwagwisayo.

12. Ewe, badilize abo baqholosayo;ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.

13. Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;zigqume zihlale kwelo labafileyo.

14. Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.

15. “Imvubu le uyayiqonda?Njengawe nayo ndayidala;phofu yona injengenkomo, itya ingca.

16. Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!

17. Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.

18. Amathambo ayo omelele njengobhedu;ewe, afana nemivalo yentsimbi.

19. Kuzo zonk' izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.

20. Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,apho zidloba-dloba khona izilwanyana.

21. Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.

22. Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,ufike ijikelezwe yimingcunube.

23. Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.

Uyobi 40