Uyobi 4:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo,bavuna loo nto bayilimileyo.

9. Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake;ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!

10. Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo:nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,

11. ziyatshabalala kukuswela amaxhoba,nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”

12. “Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente;ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.

13. Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku,xa kanye ndikobentlombe,

14. suka ndarhwaqela ndankwantya,ada amathambo am anengevane.

15. Nako ke kusithi phinzi into phambi kwam;hayi ke, ndahlathuzela ngamanwele!

16. Nantso ke, suka yema bhunxe!Hayi, andibanga nakuyinakana mpela.Phofu wona umthinzi wabe uphambi kwam –hayi ke, kwathi cwaka,ndada ndeva ilizwi lisithi:

17. ‘Ngab' ingenzeka na into yokuba umntu abe lilungisa kunoThixo?Umntu angaba nyulu ngaphezu koMdali wakhe?

Uyobi 4