Uyobi 4:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Khumbula kaloku ukuba baninzi abantu obaqeqeshileyo,ubakhuthaza ubomeleza abazandla zinomkhinkqi!

4. Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo,wabaqinisa abamadolo agevezelayo.

5. Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela;ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.

6. Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo?Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!

7. “Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga;ngubani owakha wabhanga emsulwa?Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?

8. Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo,bavuna loo nto bayilimileyo.

9. Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake;ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!

10. Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo:nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,

11. ziyatshabalala kukuswela amaxhoba,nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”

12. “Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente;ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.

13. Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku,xa kanye ndikobentlombe,

14. suka ndarhwaqela ndankwantya,ada amathambo am anengevane.

Uyobi 4