1. Kwesi sithuba ke kuphendule uElifazi waseTeman, wathi:
2. “Ngaba xa umntu enokukuphendula awungekhathazeki kodwa?Phofu ke ibingubani onokuthula nje?
3. Khumbula kaloku ukuba baninzi abantu obaqeqeshileyo,ubakhuthaza ubomeleza abazandla zinomkhinkqi!
4. Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo,wabaqinisa abamadolo agevezelayo.
5. Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela;ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.
6. Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo?Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!