Uyobi 38:20-33 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?

21. Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!

22. “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?

23. Ezi zinto ndizigcinele mhla kwanyembeleka;ndizigcinele mhla kwathiwa ilizwe lifile.

24. Uyayazi na indlela eya apho kuvela khona ukukhanya?Uthini umoya wasempuma ukusasazeka phezu kwehlabathi?

25. Ngubani ovulela izandyondyo zemvula umjelo;ingubani yena khona ovulela iindudumo indlela?

26. Ngubani onisa imvula endle phaya?Inethiswa ngubani imvula enkqantosini,

27. ukuze ithobe unxano kumhlaba okhamisileyo,kutsho kuthi rhwelele utyani?

28. Kakade, imvula le yinto kabani;ingubani yena uyise wombethe?

29. Ke wona umkhenkce wakhawulwa ngubani;ingubani yena umzali weqabaka?

30. Kaloku amanzi ayaqina abe ngathi lilitye;inzongo-nzongo yamanzi itsho ikhenkcezele.

31. “Uthi ngaba unokuzidibanisa izilimela;khona unako ukuwakhulula amakroza?

32. Ungazilawula iinkwenkwezi namathuba azo,nditsho oozibhere ngokunjalo namatakane azo?

33. Uyayazi imithetho elawula ilanga nenyanga neenkwenkwezi?Unganako ukumisela impembelelo yazo emhlabeni?

Uyobi 38