Uyobi 38:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Nditsho umsobomvu okhanyisela iziphelo zehlabathi,khon' ukuze izikhohlakali zingabi nakuzimela ebumnyameni.

14. Kaloku ukusa kuzitsho ziphuhle iinduli neentili,zibe ngathi yingubo ebikade isongene;ewe, zitsho zicace oku kophawu olushicilelwe kumdongwe.

15. Abakhohlakeleyo bayoyiswa kukukhanya;kaloku ingalo yabo yokugonyamela yaphulwe.

16. “Ngaba wakha wayibona imithombo yolwandle?Sowukhe wathi cakatha ezintunjini zenzonzobila?

17. Uwatyhilelwe na amasango okufa?Wakha wakubona kwamnyama-ndawo?

18. Khawutsho, lingakanani ihlabathi?Phendula kaloku ukuba uyazazi ezi zinto!

19. “Ungalixela apho likhoyo ikhaya lokukhanya?Khona, wona umthombo wobumnyama uphi?

20. Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?

21. Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!

22. “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?

Uyobi 38