1. Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:
2. “Wena kuxa ungubani, ukuba ude ufune ukulenza mfiliba icebo lam?Mazwi mani wona la, engenalwazi nje?
3. Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.
4. “Wawuphi xa ndiseka ihlabathi?Yitsho kaloku, uyingqondi andithi?
5. Ngubani owamisa ubungakanani balo?Awunakungayazi loo nto!Ngubani owalijikelezayo etsala intambo?
6. Khona, zixhaswe yintoni iintsika zalo?Ingubani owalimisela ilitye lesiseko?
7. Ngaloo ntsasa iinkwenkwezi zamemelela,izidwangube zakwaThixo zona zanemincili.
8. Mhla lwagqabhuka ulwandle emhlabeni,ngubani owalumisela imida?
9. Kaloku ndim owalwambathisa ngamafu,ndaza ndalusonga ngobumnyama.
10. Ndim owalumisela imida,ndalubiyela ndaluvalela endaweni yalo.
11. Ndaluyalela ndathi:‘Hamba, ungagqithi apha;amaza akho adlokovayo makaphele apha.’
12. “Ukhonje wakha wayiyalela intsasa yabakho?Wakha wasikhombisa indawo yaso na isifingo?
13. Nditsho umsobomvu okhanyisela iziphelo zehlabathi,khon' ukuze izikhohlakali zingabi nakuzimela ebumnyameni.