18. ungathini ukufuna ukubambisana naye xa atwabulula isibhakabhaka,esenza somelele okwesipili esityhidiweyo?
19. “Khawutsho, uthi masithini ke kuThixo?Kaloku kumnyama kuthi;asinamhlaba wakuziphendulela!
20. Uthi masicele ukuthetha naye!Ngubani ongazibizela intshabalalo?
21. Bekungekho bani unako ukubona ukukhanya;ukuqaqamba kwako bekusithwe ngamafu,kodwa kwakudlula umoya, kuthi qwenge.