10. Kaloku yena ubenza balulamele ululeko;ubayalela ukuba bahlukane nobugwenxa.
11. Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo,boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo,neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.
12. Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele,bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.
13. “Abantliziyo zingenaThixo bazongezelela ingqumbo yakhe;abazibiki kuye naxa bekhonkxiwe.
14. Bona bafa besebatsha,bexhwalekile ngamahlazo abahlala kuwo.
15. Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima;ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.
16. “Nawe wakukhupha enkathazweni,wakutsho waxhamla intlala-kahle,usitya uhlutha, ungaswele nto.
17. Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho;ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.