1. UElihu uqhube wathi:
2. “Kambe ke khawundinyamezele kancinci,kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo.
3. Olwam ulwazi luvela kude;lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa.
4. Kaloku akukho buxoki kula mazwi am –ophakathi kwenu unolwazi olugqibeleleyo.
5. UThixo womelele, kodwa akadeleli mntu;unamandla, nolwazi lwakhe alugungqi.
6. Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi,kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.
7. Akawasusi amehlo akhe kumalungisa.Nguye obeka ookumkani ezihlalweni,abanye abayeke apho ixesha elide.Kodwa ukuba bayaziphakamisa