Uyobi 36:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UElihu uqhube wathi:

2. “Kambe ke khawundinyamezele kancinci,kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo.

3. Olwam ulwazi luvela kude;lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa.

4. Kaloku akukho buxoki kula mazwi am –ophakathi kwenu unolwazi olugqibeleleyo.

5. UThixo womelele, kodwa akadeleli mntu;unamandla, nolwazi lwakhe alugungqi.

6. Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi,kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.

7. Akawasusi amehlo akhe kumalungisa.Nguye obeka ookumkani ezihlalweni,abanye abayeke apho ixesha elide.Kodwa ukuba bayaziphakamisa

8. bakhonkxwa ngamatyathanga,bebanjiwe ngezintya zeentlupheko.

9. UThixo ubatyhilela izenzo zabo,esalatha izikreqo zabo xa babeziphakamisa.

10. Kaloku yena ubenza balulamele ululeko;ubayalela ukuba bahlukane nobugwenxa.

11. Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo,boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo,neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.

12. Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele,bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.

Uyobi 36