7. Wakha wakho phi ofana noYobi lo,osoloko ehlalele ukuphoxisa,
8. umnt' osoloko ethene mbende nabenzi bobubi,ohlal' eqhogene nezikhohlakali?
9. Kaloku yena uthi:‘Akumncedi lutho umntuukuzimisela ukukholisa uThixo.’
10. “Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi:kukude lé kuThixo ukwenza ububi,kuSomandla ukwenza ubugwenxa.
11. Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo;umntu umphatha ngokwehambo yakhe.
12. Hayi bo, uThixo akayenzi inkohlakalo;uSomandla akabugqwethi ubulungisa.