Uyobi 34:14-25 Ibhayibhile (XHO96)

14. Xa ebenokusuka azimiseleawunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe

15. konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.

16. “Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!Bek' iindlebe ndithethe.

17. Umchasi-mthetho angalawula njani?Ke wena ungamgweba njani uThixoeyingangalala yelungisa nje?

18. Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’

19. UThixo akakhethi buso nakumatshawe;nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.

20. Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;bayagungqiswa abantu, bafe;kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.

21. “Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;uwabona onke amanyathelo abo.

22. Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyamaapho abenzi bobubi bangazifihla khona.

23. KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantuxenikweni ebasa ematyaleni.

24. KuThixo akukho mfuneko yaluphandoxa abakhiqayo abasezintanjeni,aze amisele abanye ezikhundleni zabo.

25. Kaloku uyazazi izenzo zabo;ubabhukuqa ngobusuku babhange.

Uyobi 34