Uyobi 34:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uElihu utyatyadule wenjenje:

2. “Hoyina, nani nina zilumko;khanibek' iindlebe, nani zingqondi!

3. Ukutya kungcanyulwa lulwimi,ke yona intetho iviwa ziindlebe.

4. Makhe sikhethe oko kulungileyo;ewe, masiphicothe oko kufanelekileyo.

5. “Kaloku uYobi uthi: ‘Ndimsulwa,kodwa uThixo undivimb' ubulungisa.

6. Nangona ndinyanisekile, ndiphathwa okwexoki;nangona ndingenatyala, utolo lwakhe lundingxwelerhile.’

Uyobi 34