Uyobi 33:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kaloku phambi koThixo siyafana sobabini;ewe, sobabini sabunjwa nguye ngodongwe.

7. Ngoko ke uzungatatazeli, mwethu;noko nesandla sam asingeke sikucinezele.

8. “Ngokuya ubuthetha ndikuvisisile;kaloku uthethe wenjenje:

9. ‘Mna ndimsulwa, andinatyala;andinachaphaza, ndingenasiphoso.

10. Koko uThixo uyandidlelelela nje;ewe, ufumana endityhola ngokuba ndilutshaba!

11. Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;uyazigqala zonke iindlela zam.’

12. “Uyabona, uphazamile ngayo le ndawo;mandikuphendule, kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

13. Ngani ke ukuba umangalelane naye,usithi yena akaphenduli mntu?”

14. “Kaloku uThixo uthetha nomntu ngandlela zonke,kambe ke yena umntu akahoyi.

15. Xa umntu ekobunzulu ubuthongo,elele emandlalweni wakhe,uThixo uthetha ngamaphupha nemibono yasebusuku.

16. Ewe, uzivula ngelo xesha iindlebe zabantu,ebalumkisa batsho barhwaqele.

17. Ethethanje ke uthintela ukona;unqanda umntu angazigwagwisi.

18. Ukhusela umphefumlo womntu engcwabeni,amhlangule kwintshabalalo yekrele.

19. “Kananjalo umntu wolulekwa nangezigulo ezibuhlungu,aphanjwe ziingqaqambo emzimbeni.

20. Ewe, ude angabi sakulangazelela nokutya,nokona kumnandi akucekise.

Uyobi 33