Uyobi 33:27-33 Ibhayibhile (XHO96)

27. Uya kuvuma esidlangalaleni athi:‘Ndonile ndaphambuka endleleni,kodwa uThixo akandohlwayanga ngako oko bekundifanele.

28. Ewe, undihlangule engcwabeni,nobomi bam abuyi kucinyelwa langa.’

29. “Zonke ezi zinto ke zenziwa nguThixo;ewe, uzenza umhla nezolo.

30. Umntu uyamhlangula engcwabeni,ukuze naye axhamle ubomi.

31. “Ngamana wandiphulaphula ke, Yobi;ewe, yithi cwaka khe ndithethe.

32. Kambe ke uphendule xa unako;nam ndizimisele ukukulungiselela.

33. Phofu ke, xa ungenamazwi, yithi tu,mna ndikufundise ubulumko.”

Uyobi 33