18. Ukhusela umphefumlo womntu engcwabeni,amhlangule kwintshabalalo yekrele.
19. “Kananjalo umntu wolulekwa nangezigulo ezibuhlungu,aphanjwe ziingqaqambo emzimbeni.
20. Ewe, ude angabi sakulangazelela nokutya,nokona kumnandi akucekise.
21. Ubhitya abe ngumcinga,nezo mbanjana zakhe bezifihlakele zithi gqi ngaphandle.
22. Kaloku selejinga phezu kwengcwaba;ubomi bakhe bukhwetywa kukufa.
23. Mhlawumbi ke angeza kulamlelwa sisithunywa,esinye kuloo mawaka-waka,simkhumbuze ngeemfanelo zakhe.
24. Singatsho ngovelwano sithi:‘Mkhulule; makangehli aye kwelabafileyo.Nantsi kaloku intlawulo.’
25. Ulusu lwakhe luya kuhlaziyeka njengolosana,lubuyiselwe kwimihla yobutsha bakhe;
26. athi ke akuthandaza eviwe nguThixo,atsho amnqule ngothakazelelo,abuye abe ngumntu oziphethe ngaloo ndlela ayifunayo uThixo.
27. Uya kuvuma esidlangalaleni athi:‘Ndonile ndaphambuka endleleni,kodwa uThixo akandohlwayanga ngako oko bekundifanele.
28. Ewe, undihlangule engcwabeni,nobomi bam abuyi kucinyelwa langa.’
29. “Zonke ezi zinto ke zenziwa nguThixo;ewe, uzenza umhla nezolo.
30. Umntu uyamhlangula engcwabeni,ukuze naye axhamle ubomi.
31. “Ngamana wandiphulaphula ke, Yobi;ewe, yithi cwaka khe ndithethe.
32. Kambe ke uphendule xa unako;nam ndizimisele ukukulungiselela.