Uyobi 32:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Mandithini na ke mna?Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!

17. Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda,ndiluvakalise nolwam uluvo.

18. Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,kuba kuninzi ukuthetha kum.

19. Hayi, ngenene ndifana nemvaba yewayini ebila ingavulwanga –xa ndingaphokozi ndosuka ndigqabhuke.

20. Ewe, manditheth' ukuze kuthi qabu;mandiwuvule umlomo wam ndiphendule.

21. Mna andiz' ukuceng' usolala phi,ndiza kutheth' utyhatyhiwe ndingalalanisi.

Uyobi 32