1. Ke kaloku la madoda mathathu ade amncama uYobi, kuba yena wasuka wanje, esithi umsulwa yena.
2. Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.
3. Futhi wakhathazwa nayinto yokuba ezi zihlobo zikaYobi zithathu zisuke zoyiswa kukuphendulana noYobi, zingabanga nako ukudandalazisa ubutyala bakhe, kodwa zimtyhola.
4. UElihu lo wayesalindele ukuthetha noYobi, kuba abanye aba babebadala kunaye.