Uyobi 31:5-20 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.

6. Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.

7. Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,

8. izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.

9. “Ukuba ngaba ndikhe ndancwasa omnye umfazi,okanye ndaya kumxhwarhela ngasemasangweni ommelwane,

10. umfazi wam ngamana wagubela enye indoda;ewe, ngamana wambathwa bantu bambi.

11. Kuba eso ingaba sisenzo esigwenxa,ingaba lityala elifanelwe kukugwetywa.

12. Loo nto ingaba njengomlilo otshabalalisayo,otshisa yonke imveliso yam.

13. “Ukuba ndakha ndasigatya isikhalazo sesicaka sam,okanye andasihoya isicakazana xa sinesikrokro ngakum,

14. bendingathini ke ukujongana noThixo?Ndingathini ukuphendula xa efuna ingxelo?

15. Andithi na kaloku kwalo Thixo udale mnazikwadalwe nguye nezicaka zam!

16. “Mna andizange ndikumangale ukunceda amahlwempu,nabahlolokazi abazange bemke belambatha kum.

17. Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.

18. Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19. Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20. bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

Uyobi 31