Uyobi 31:34-40 Ibhayibhile (XHO96)

34. Kuba mna andiboyiki abantu,andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini,kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.

35. “Akwaba bekukho ondiphulaphuleyo!Ndiwandlalile umcimbi wam;uSomandla makandiphendule.Akwaba izityholo endibekwa zona ngondimangalelayo bezibhaliwe.

36. Bendiya kuzithwala emagxeni,ndizithi jize ngazo entloko njengentshinga.

37. UThixo bendiya kumanekela konke okwam,ndingqiyaze phambi kwakhe njengetshawe.

38. “Ukuba ngaba umhlaba wam ubundenzela isijwili,zindigxeka neefolo zawo,

39. ukuba nditye imveliso yawo ndingabahlawulanga abaniniwo,ndaza bona abalimi bawo ndabavimba,

40. ewe, endaweni yengqolowa mawuvelise imithi enameva,ukuze endaweni yerhasi uvelise ukhula.”Waba njalo ke uyaphetha uYobi: ncincilili-i-i!

Uyobi 31