26. ukuba bendisuke ndanqula ilanga ngenxa yokuqaqamba kwalo,okanye inyanga ngenxa yomfaneleko wayo,
27. ukuba ngaba bendiwexulekile ndasanga isandla sam,ndibusa zona ezi zinto,
28. nale ke into ibingaba bubugwenxa obufanele isohlwayo esiqatha,kuba ukwenjenjalo ingaba kukuvukelana noThixo kweliphezulu.
29. “Andizange ndavuyiswa kukubandezeleka kotshaba lwam,ndingazange ndakuthakazelela ukuminxeka kwalo.
30. Andizange umlomo wam ndiwuvule wonengokusuka ndilushwabulele utshaba lwam.
31. Namadoda andisebenzelayo akazange athi:‘Yhu, besilamba phaya kwaYobi!’
32. Abahambi abazange balale ecaleni lendlela ndikho;ndiyabamema beze, kuba iingcango zomzi wam zahlala zivulekile.
33. Bambi bayazigusha bazifihle iziphoso zabo,kambe ke mna andibufihli ubugwenxa bam.
34. Kuba mna andiboyiki abantu,andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini,kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.