8. Awu, ziinjubaqa;sisizukulwana soongantweni eside sagxothwa nakwelakowazo!
9. “Ngoku ke sebendicabela nasezingomeni zabo;ewe, sendisisimbo nesigculelo sabo.
10. Ewe, ngoku bandidelile, bayandenyanya;bathi bangandibona banditshicele ebusweni!
11. Ngenxa yokuba uThixo undiyekele ndatsho ndangugqush' eluthulini,nabo ke ngoku baziqhawule iintambo zokulawulwa ndim.
12. Ngasekunene bafunzela ukundihlasela belihlokondiba;ewe, bayandijoka, futhi sebezimisele ukundihlabanisela.
13. Bayandiqhiwulela endleleni, befuna ukundigqiba,besithi: ‘Akanabani ongamncedayo.’
14. Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.
15. Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.
16. “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.
17. Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.
18. Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.
19. UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.
20. Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.
21. Wena ngoku ujike wandikhohlakalela,undihlasela ngengalo yakho enamandla.
22. Uyandiphakamisa undiyekele ngomoya undibhudle;ndiyaqotha-qotheka ndiqwengwa sisaqhwithi.
23. Ndiyaqonda ke ukuba undinikezela ekufeni,apho baya kuphelela khona bonke abaphilayo.
24. “Kambe akukho hlwempu elizibikayo endingalincedanga,nditsho elaliphakamisela izandla kum licela uncedo.