Uyobi 30:14-30 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.

15. Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.

16. “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.

17. Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.

18. Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.

19. UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.

20. Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.

21. Wena ngoku ujike wandikhohlakalela,undihlasela ngengalo yakho enamandla.

22. Uyandiphakamisa undiyekele ngomoya undibhudle;ndiyaqotha-qotheka ndiqwengwa sisaqhwithi.

23. Ndiyaqonda ke ukuba undinikezela ekufeni,apho baya kuphelela khona bonke abaphilayo.

24. “Kambe akukho hlwempu elizibikayo endingalincedanga,nditsho elaliphakamisela izandla kum licela uncedo.

25. Andithi na kaloku ndandilila kunye nabasezingxakini,umphefumlo wam udandatheka ngenxa yamahlwempu?

26. Mna ndithe ndijonge okuhle kwathi gqi okubi;bendilindele ukukhanya, suka kwathi nyalulu ubumnyama.

27. Ndithiwe fithi lunxunguphalo, alundiphe thuba;imihla ngemihla ndihlangatyezwa yinkathazo.

28. Ukukhanya akukho, ndihamba ndigutyungelwe bubumnyama;into endiyenzayo embizweni kukuzibika.

29. Ngoku sendingumlingane woodyakalashe;ewe, ndiliqabane leenciniba.

30. Ulusu lwam selujike lwamnyama, futhi luyaxobuka,ibe ke nomzimba wam lo uyagcadeka.

Uyobi 30