11. Ngenxa yokuba uThixo undiyekele ndatsho ndangugqush' eluthulini,nabo ke ngoku baziqhawule iintambo zokulawulwa ndim.
12. Ngasekunene bafunzela ukundihlasela belihlokondiba;ewe, bayandijoka, futhi sebezimisele ukundihlabanisela.
13. Bayandiqhiwulela endleleni, befuna ukundigqiba,besithi: ‘Akanabani ongamncedayo.’
14. Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.
15. Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.
16. “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.
17. Ebusuku ndiqaqanjelwa nangamathambo la;iintlungu ezindidlayo azipheli.
18. Ndigxavulwa ngeempahla zokunxiba, ndidlakazeliswe;ndiyakrwitshwa sisambatho, ndibanjwe ngobhongwana.
19. UThixo undiphose eludakeni;andisento, sendifana nothuli nothuthu.
20. Ndiba ngakhala ndikubongoza, akundiphenduli;ndiba ngazibika kuwe, akundihoyi.
21. Wena ngoku ujike wandikhohlakalela,undihlasela ngengalo yakho enamandla.
22. Uyandiphakamisa undiyekele ngomoya undibhudle;ndiyaqotha-qotheka ndiqwengwa sisaqhwithi.
23. Ndiyaqonda ke ukuba undinikezela ekufeni,apho baya kuphelela khona bonke abaphilayo.
24. “Kambe akukho hlwempu elizibikayo endingalincedanga,nditsho elaliphakamisela izandla kum licela uncedo.
25. Andithi na kaloku ndandilila kunye nabasezingxakini,umphefumlo wam udandatheka ngenxa yamahlwempu?
26. Mna ndithe ndijonge okuhle kwathi gqi okubi;bendilindele ukukhanya, suka kwathi nyalulu ubumnyama.
27. Ndithiwe fithi lunxunguphalo, alundiphe thuba;imihla ngemihla ndihlangatyezwa yinkathazo.