Uyobi 30:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa kunamhlanje-nje sendisisigculelo nakubafana abayise bendingabazele nto,ebendingeze ndabashiya nezinja zam ezalusa iigusha.

2. Bebeligquba nje ekungekho yalo,amabhetye-bhetye angenakwenza nto tu!

3. Bangamahlwempu alambayo, ahamba ngobusuku,ufike enqunquda iingcambu emqwebedwini phaya.

4. Balamba kangangokuba ungafika besimba iinqoba emqwebedwini,bade batye neengcambu zemithi.

5. Abantu babagxothile phakathi kwabo;basuke babahewula bangathi bachil' isela!

6. Kuye kwanyanzeleka ukuba baye kuhlala emiqolombeni,emingxunyeni, nasezimfanteni emaweni.

7. Bakhonya phakathi kwamatyholo,ufike sebethe buthalala phantsi kwemithi.

8. Awu, ziinjubaqa;sisizukulwana soongantweni eside sagxothwa nakwelakowazo!

9. “Ngoku ke sebendicabela nasezingomeni zabo;ewe, sendisisimbo nesigculelo sabo.

10. Ewe, ngoku bandidelile, bayandenyanya;bathi bangandibona banditshicele ebusweni!

11. Ngenxa yokuba uThixo undiyekele ndatsho ndangugqush' eluthulini,nabo ke ngoku baziqhawule iintambo zokulawulwa ndim.

12. Ngasekunene bafunzela ukundihlasela belihlokondiba;ewe, bayandijoka, futhi sebezimisele ukundihlabanisela.

13. Bayandiqhiwulela endleleni, befuna ukundigqiba,besithi: ‘Akanabani ongamncedayo.’

14. Bandihlasela ngathi batyhoboza kwindawo ebanzi;baphoseka kum becanda amabhodlo.

15. Ngoku ke sendirhawulwe kukunkwantya;isidima sam sivuthuluke ngathi siyavuthelwa,ukukhuseleka kwam kubhange oku komfankungu.

16. “Ngoku ndisebugxwayibeni,kuba imihla yenkathazo indibambile.

Uyobi 30