Uyobi 3:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.

7. Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.

8. Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;ngeziyifunze ngengwenya.

9. Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,nomsobomvu ungaze uthi chapha!

10. Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.

11. “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?

Uyobi 3