Uyobi 3:11-26 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?

12. Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?

13. Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;ewe, ngendiphumle kobandayo,

14. ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;

15. ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.

16. Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?

17. Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.

18. Khona amabanjwa azonwabele;ahlukene nokungxoliswa yinduna yawo.

19. Apho bandawonye abaphakamileyo nabaphantsi,nkqu nekhoboka likhululekile kumninilo.

20. “Ngani ukuba abaza kubandezeleka balibone ilanga,abangcungcuthekayo babudle ubomi?

21. Bona balangazelela ukufa, kungafiki noko;bakuzingela ngathi bafuna ubutyebi.

22. Abavuyi bayachulumacha,bachwayitile xa bedibana nengcwaba.

23. Ngani ukuba balibone ilanga abandlela imfiliba,abo babiyelweyo nguThixo?

24. Kuba ukutya kwam yincwina;ukugcuma kumpompoza njengamanzi.

25. Kuba ndihlelwa zezo zinto zindinkwantyisayo;ezindinxunguphalisayo zezona zindihlelayo.

26. Andinako ukuzola, ndingenako nokonwaba;Andifumani kuphumla, kuba ndasoloko ndijijitheka.”

Uyobi 3