9. Ewe, ayesuka aphel' emqaleni kumatshawe,ufike selethe khebevu!
10. Izikhulu zazisithi cwakangathi ulwimi lukhulekiwe enkalakahleni.
11. Abandiva ndithetha babendincoma,kanti ababona izinto endizenzayo babendingqinela.
12. Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.
13. Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.
14. Ndandivatha ubulungisa njengesinxibo sam;ukwenza okulungileyo kwakuyingubo yam neqhiya yam.
15. Ndandingamehlo kwiimfama,ndiziinyawo koqhwalelayo.
16. Ndandingutata kumahlwempu,neengxaki zabasemzini bendizithabathela kum.
17. Yayindim umaphul' iimpondo kwizibhoja,amaxhoba azo ndiwathi hlasi emilonyeni yazo.
18. “Ndandisithi: ‘Ndiya kukhula ndide ndikhokhobe endlwini yam,nemihla yam ibe mininzi njengentlabathi.’