Uyobi 29:10-16 Ibhayibhile (XHO96)

10. Izikhulu zazisithi cwakangathi ulwimi lukhulekiwe enkalakahleni.

11. Abandiva ndithetha babendincoma,kanti ababona izinto endizenzayo babendingqinela.

12. Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.

13. Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.

14. Ndandivatha ubulungisa njengesinxibo sam;ukwenza okulungileyo kwakuyingubo yam neqhiya yam.

15. Ndandingamehlo kwiimfama,ndiziinyawo koqhwalelayo.

16. Ndandingutata kumahlwempu,neengxaki zabasemzini bendizithabathela kum.

Uyobi 29