Uyobi 29:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYobi wathathisa wathetha wenjenje:

2. “Awu, akwaba ibinokubuyiselwa kum imihla yamandulo,ngokuya uThixo wayesandilondolozile,

3. xenikweni isibane sakhe besikhanya phezu kwentloko yam,xa ndanditabhata nasebumnyameni endikhanyisela.

4. Ewe, ngaloo mihla yamfamlibe ndandimi kakuhle;bendilala ngangubo-nye noThixo emzini wam.

5. USomandla wayengakum ngoko,ndiphahlwe ngabantwana bam.

6. Ngaloo mihla amasi ayedlal' abantwana kwam;ke yona iminquma ichuma nasematyeni, ithulula ioyile.

7. “Ndandisithi ndakufika enkundleni ngasesangweni,ndakuthi zinzi phakathi kwamadoda amakhulu,

8. abafana bathi gu bucala,ke zona iingwevu zime ngeenyawo.

Uyobi 29