Uyobi 28:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Amarhamncwa anyalasayo akazange athi cakatha unyawo apho,nkqu nengonyama ayizange yadlula khona.

9. Kaloku abantu baqhekeza bagqale nditsho nenyengane le;ewe, neentaba ngokwazo bayazibhukuqa, bazisiphule neengcambu.

10. Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.

11. Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.

12. “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?

13. Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.

14. Andithi na kaloku kwankqu neenzonzobila ezinzongo-nzongo,nditsho neelwandle, ziyabulandula?

15. Kaloku bona abungekhe bufumaneke nangegolide ecikizekileyo,kanti nentabalala yesiliva ayinako ukubuhlawula.

16. Neyona golide yaseOfire iyalaba-laba kwixabiso labo;nditsho namatye exabiso, nokuba yionike okanye yisafire.

17. Ewe, abunakulinganiswa negolide,ukanti abunakuthelekiswa nayo nemveliso yegolide,nditsho nayo neglasi yodidi.

Uyobi 28