Uyobi 27:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Liyintoni na ithemba labangenaThixomhla wabunqumla ubomi babo uThixo?

9. Xa sele kunyembelekile kubo,uthi uThixo angaze asive isikhalo sabo?

10. Khona bangaziyolisa na ngoSomandla?Bangamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

11. “Makhe ndinifundise ngobukhulu bamandla kaThixo;mandingazifihli izicwangciso zikaSomandla.

12. Hayi gxebe, senizibonele nje ngokwenu;ngani ke ukuba nibe sathetha imfungu-mfungu enje?

13. “Naso ke isabelo sezikhohlakali kuThixo;elo ke lilifa lezibhoja kuSomandla.

14. Noba zingade zibe nenyambalala yoonyanabosuka babe lilifa lekrele emfazweni;ewe, inzala yazo yasoloko ithiwe nca liphango!

15. Nemingqandanda esindileyo itshayelwa ngubhubhani,baze nabahlolokazi bazo bangalili nokulila.

Uyobi 27