5. Andisoze ndithi ninyanisile,futhi ndiya kude ndife ndibambelele kwinyaniso yokuba ndimsulwa.
6. Ndiya kuthi nca kwinto yokuba ndililungisa;andisoze ndibe nasazela yonke imihla yam.
7. “Akwaba utshaba lwam lwafumana isohlwayo sabakhohlakeleyo,ngokunjalo nombandezeli wam azuze isiphelo sabangenabulungisa.
8. Liyintoni na ithemba labangenaThixomhla wabunqumla ubomi babo uThixo?
9. Xa sele kunyembelekile kubo,uthi uThixo angaze asive isikhalo sabo?
10. Khona bangaziyolisa na ngoSomandla?Bangamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
11. “Makhe ndinifundise ngobukhulu bamandla kaThixo;mandingazifihli izicwangciso zikaSomandla.
12. Hayi gxebe, senizibonele nje ngokwenu;ngani ke ukuba nibe sathetha imfungu-mfungu enje?
13. “Naso ke isabelo sezikhohlakali kuThixo;elo ke lilifa lezibhoja kuSomandla.
14. Noba zingade zibe nenyambalala yoonyanabosuka babe lilifa lekrele emfazweni;ewe, inzala yazo yasoloko ithiwe nca liphango!
15. Nemingqandanda esindileyo itshayelwa ngubhubhani,baze nabahlolokazi bazo bangalili nokulila.
16. Noba zingade zibe nemfumba yesiliva ngathi luthuli,zibe nempahla yokwambatha efumbe okodongwe,
17. kosuka kuthi gqi lungisa lithile inxitywe lilo loo mpahla;kosuka kuvele abantu abamsulwa babelane ngaloo siliva.
18. Isikhohlakali sakha indlu efana nesingxobo seqonya;sakha into engathi liphempe labalindi.
19. Isikhohlakali silala sinobutyebi, kodwa siyagqibelisa –sivuka sebuphel' emehlweni.